-Reset+

Isahluko 129

1 Ingoma yezinyuko. Kukaninzi bendibandezela kwasebuncinaneni bam, Makatsho uSirayeli;
2 Kukaninzi bendibandezela kwasebuncinaneni bam: Ababanga nakundithini noko.
3 Abalimi balima emhlana kum, Bayolula indima yabo.
4 UYehova ulilungisa, Uzinqumle izintya zabangendawo.
5 Mabadane babuye umva Bonke abayithiyayo iZiyon.
6 Mababe njengengca ephuma phezu kwezindlu, Eyomayo ingekahlumi,
7 Engekasizalisi nesandla sakhe umvuni, Engekalizalisi nesondo lengubo yakhe umbophi wezithungu;
8 Bengekathi nabadlulayo, Intsikelelo kaYehova mayibe kuni; Siyanisikelela egameni likaYehova.